Mthetho nombolo 45, 2001 UMTHETHO WOLAWULO MATYALA EZOLIMO, 2001
UMTHETHO
Ukuncedisa ekuphunyezweni kwalo Mthetho, ekumiliseleni Ingxowamali yoLawulo Matyala emboleko, umkhomba ndlela wokusetyenziswa kwengxowamali nje ngendlela yolawulo zimali zobhatalo matyala ezolimo, ulawulo lwezimali ezikwingxowamali, ukucacisa injongo yokusetyenziswa kwezimali ezikule ngxowamali, ukumilisela uphengululo zincwadi noniko ngxelo ngale ngxowamali, ukubhekisa kwizinto ezininzi ezinxulumene nemvumelwano zokutyala imali, inzala matyala, ukubhataliswa nokucinywa kwamatyala, ubhaliso lweebhondi nobunini mhlaba, nokulungiselela yonke imicimbi enxulumene nokufana noku.
Mayenziwe ibe nguMTHETHO yiPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika, ngolu hlobo:
Iinkcazelo:
Kule Mthetho ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela:
ingxowamali" ithetha Umthetho Wolawulo Matyala Ezolimo njengoko kubhalwe kwicandelo 3.
isivumelwano" ithetha nasiphi isivumelwano nokuba sesomlomo okanye sesibhaliweyo esinxulumene nokwenza ityala, nakuphina ukuzibophelela komntu etyala uRhulumente.
Umthetho weMboleko Wezolimo" uthetha uMthetho weMboleko Wezolimo (Umthetho nombolo 28 ka 1966).
Umthetho Woncedo lwamaFama angamaKhaladi" ithetha uMthetho woNcedo lwamaFama angamaKhaladi, 1973 ( UMthetho nombolo 1 ka 1973) (IKansile yabaMeli Babantu abangamaKhaladi)
ukukwelita" kuthetha namalini na ubani ayityala uRhulumente ngendlela yoncedo lwemali nokuba yirente okanye imali nzala enxulumene noMthetho weziKweliti Zezolimo, noMthetho Woncedo lwamaFama amaKhaladi , okanye indlela zoncedo ngezimali, kudityaniswa nayiphi na imali eyimboleko nokuba yirente okanye imali nzala entsusa yayo iyimboleko elolu hlobo.
isebe" Kuthethwa iSebe leZolimo.
Mlawuli Jikelele" kuthetha uMlawuli Jikelele weli sebe.
isikimu soncedo lwemali" kuthethwa nayiphi inkxaso, imboleko naluphi na uncedo ngokwezimali oluvela kweli Sebe.
Mphathiswa" kuthethwa uMphathiswa omelet iSebe leZolimo kurhulumente jikelele.
igosa" kuthethwa igosa njengoko kuchazwa kwicandelo 1 loMthetho Wolawulo lwabaSebenzi basebuRhulumenteni, 1994 (Saziso nombolo 103 ka 1994).
UMthetho woLawulo lweMali Zesizwe" kuthetha uMthetho woLawulo lweMali Zesizwe, 1999 (Umthetho nombolo 1 ka 1999) kunye irhafu" kuthethwa irhafu okanye intlawulo ebizwa liSebe ngokusetyenziswa komhlaba.
Ulawulo loMthetho
 UMphathiswa nguye onoxanduva lolawulo lwalo Mthetho.
Ngokubhekiselele kwisibonelelo secandelwano 3, uMphathiswa angathumela ngokwamandla ache ngokuvunyelwa nguMthetho naliphi na igosa alinyulileyo kwiSebe lakhe.
Nawuphina umyalelo okanye umsebenzi onokwenziwa okanye uthunywe phantsi kwemvume yecandelo 5 ungathunywa kuphela igosa elilawulayo lezimali kwisebe eli onikwe eso sikhundla phantsi koMthetho woLawulo lweMali Zesizwe.
UMphathiswa kufuneka ethume igosa leli sebe ukuba liwuphathe loMthetho, kwaye elo gosa kufuneka lincediswe ngamanye amagosa kangangoko kuyimfuneko ukuba kuphunyezwe lo mthetho.
Ngokubhekiselele kwisibonelelo secandelwano 3 uMphathi Jikelele angathumela ngokwamandla ache naliphi na igosa phantsi kwecandelwano 4 okanye naliphi na igosa elinokuncedisa elo alithumayo.
Ingxowamali Matyala eMboleko eZolimo
 Ingxowamali yeMboleko yeZolimo egcinwe phantsi kwemeko zecandelo 20A loMthetho weMboleko yeZolimo, usasebenza nakuba warhoxiswa kwaye uza kwaziwa ngokuba yiNgxowamali yoLawulo Matyala eMboleko eZolimo.
Izimali ezikwimboleko yale ngxowamali ukususela ngomhla kwaqala lo Mthetho zeziqulathe oku:
a imali ezikwelitwa Ingxowamali Matyala eMboleko eZolimo kanye phambi kosuku lokuqulunqwa okanye ezizuzwe nje ngentlawulo yetyala phantsi okanye ngenxa yokusungulwa koMthetho woLawulo Matyala eZolimo.
b Izimali ezizuzwe phambi kwalo mhla nje ngentlawulo yamatyala phantsi okanye ngenxa yokusungulwa koMthetho Woncedo lwamaFama angamaKhaladi.
c ezinye izimali ezikwanjalo ezikwizikweliti yeNgxowamali Matyala
Mboleko eZolimo ngalo mhla, afunyanwa lisebe nje ngentlawulo yetyala phantsi okanye ngenxa yezikimu zoncedo ngezimali okanye nje ngerhafu.
Izimali ezikwimboleko yale ngxowamali ziquka zonke imfanelo
Ezibhekiselele kubutyala obuchazwe kwicandelwana ngomhla wokusungulwa kwalo Mthetho.
Umphathi Jikelele nguye ongumlawuli wale ngxowamali.
Le ngxowamali iyaphelelwa ibhange xa onke amatyala ehlawulekile okanye ecinyiwe ngokwemigaqo yalo Mthetho nemali eziyintsalela kule ngxowa zithe zanikezelwa kwiPalamente.
Ukubolekisa nokuHlawula ingxowamali.
 Le ngxowamali kufuneka inezi zinto:
a zonke izimali ezifunyenwe emva kokusungulwa kwalo Mthetho nje ngezimali zentlawulo tyala ngokubhekiselele kwicandelo 3 2
b Zonke imali eziqokeelelwe ngokwentlawulo matyala njengoko kuchaziwe kwicandelo 32
c Imali nzala ezuzwe ngokolondolozo mali kunye d Nezimali ezivele ngamanye amaziko anonxulumano
Le ngxowamali kufuneka inezi ntlawulo-
a Imali ntengo nayo nayiphi na inkcitho ebhikiselele ekuthengweni nasekulawulweni kwempahla okanye umhlaba phantsi kwalo Mthetho b nayiphi na imali, indleko okanye inkcitho ebangwe ngenxa yemeko zecandelo 8 
c nasiphi na isixamali:
i esihlawuleke ngempazamo kule ngxowamali ii ongasityali uRhulumente, okanye iii esimbuyekezo ekwasisibonelelo esiluncedo kuRhulumente d Nayiphi na imali ezinekezelwe e Palamente zisetyenziselwe izizathu zezolimo nezinye, ekufuneka nakanjani zitshintshelwe kwiNgxowa yeNgeniso yeSizwe ngokwecandelo 5.
Zonke imali ezifunyanwa liSebe njengentlawulo okanye uqokelelo mali zamatyala ngaphandle kwezi kubhekiswe kuzo phantsi kwecandelwana mazilondolozwe phantsi kweNgxowa yeNgeniso yeSizwe.
Imali ezikhoyo kule ngxowamali ezingekadingeki ngamandla njengoko bekucingeka phantsi kwecandelwana zingalondolozwa kwi:
a Bhanki yoGcino Zimali Zesizwe b Ngokwemvume yoMphathiswa emva kokubonisana noMphathiswa weSebe leZimali zingagcinwa nakwiyiphi ibhanki ebhalisiweyo ngokusemthethweni nguNobhala weMizi Yolondolozo Zimali.
 U Mphathi Jikelele angacela ukuba imali eyintsalela ikhutshelwe kwingxowa yeNgeniso yeSizwe ukuba a Ezo mali azizi kukhawuleza zifuneke ngokwecandelo 4 2 a, b okanye ( c ) ;
b UMphathsiwa ngokwemvisiswano noMphathiswa weSebe leZimali uyaluvumela olo khuphelo.
Izimali ezikhutshelwe kwiNgxowa yeNgeniso yeSizwe esuka kule ngxowa zingasetyenziswa ePalamente phantsi kwemali zeli sebe zisetyenziselwa kuphela inkqubo zokuphuhlisa ezolimo kunyaka mali othile ngokwezicwangciso ezibhaliweyo zenkcitho ezingeniswa nguMphathi Jikelele, ukuba olo cwangciso lwenkcitho:
a Luyavunywa nguMphathiswa kwaye b Lungeniswe Kubalawuli Bezemali ubuncinane inyanga ezintathu phambi kokuqalisa konyaka mali okanye ukuthiwa thaca kolungelelwaniso lothelekelelo nkcitho ePalamente.
Uphicotho Zincwadi Nengxelo
 Unyaka mali uhambelana nokuvalwa kwengxowa ngomhla wama 31
Ingxowamali kufuneka iphicothwe nguMphicothi Zincwadi jikelele
UMphathi Jikelele kufuneka ezigcinile ezo ncwadi elugcinweni olulodwa njengoko kungumthetho wolondolozo zimali nanjengoko kulindelekile ngokoMthetho Wolondolozo Zimali Zoluntu, ukuze kucace ubume bengxowa ngokungathandabuzekiyo.
Ukunyaniseka kwezivumelwano
 Nasiphi na isivumelwano esisasebenzayo kancinci ngaphambi kokuba kuqale ukusebenza lo Mthetho nesichaphazeleka nqo okanye ngokungathanga nqo ngokwetyala onalo, sihlala sinembophelelo kulowo usenzileyo ngokwasemthethweni kwaye sikubophelela nasemva kokurhoxiswa phantsi nasemva kwalo Mthetho.
Naziphi na izibhambathiso ezichaphazela umthetho orhoxisiweyo kwicandelwana , uthathwa njengosasebenzayo kwaye ungasetyenziswa ingathi awurhoxiswanga, njengoko uchaphazela ngokuthe nqo nokungathanga nqo uyimbophelelo kwizivumelwano ezibhaliweyo kwelo candelwano lichaziweyo.
Nakuphi ukumisa ngomhlaba, imeko okanye isithinteli esinxulumene nesikweliti semali nomise ngaso ngempahla engasukiyo enje ngomhlaba ngomhla wokuqaliswa kwalo Mthetho, inembophelelo ezingagungqiyo nokuba umthetho ungade urhoxiswe enanimiselene ngawo ngalo mhlaba okanye ezomeko zalo nto wawumise ngayo.
Naziphi izimiso zomthetho ekuthethwa ngawo kwicandelwana 3
zisasebenza kwaye kungamiswa ngazo kwimboleko yokumisa ngebhondi, kwiimeko okanye izithintelo ekubhaliswe phantsi kwazo itayitile yomhlaba, zibonwa nje ngezisemthethweni kwaye zingathathwa ingathi akurhoxiswanga mthetho.
Nayiphi intsingiselo kwi ' Bhodi yeMboleko yeZolimo' 'iBhodi
YaBantu abangamaKhaladi yoNcedo yeZolimo' 'uNobhala' naye nawuphi umntu okanye igosa elisemthethweni okanye onesivumelwano ekubhekiswe kuso kwicandelwana okanye okanye ngokomthetho okanye kwibhondi, kwimeko okanye izithintelo ekubhekiswe kuzo kwicandelwana okanye mazithathwe nje ngomnxeba wonxibelelwano kuMphathiswa angathi asebenzise amandla akhe awanikiweyo ukuqubisana nalo mntu.
Ityala
 U Mphathi Jikelele a kufuneka ethe rhoqo elandelela ukuhlawulwa kwamatyala aqonde aphande nayiphi imeko engaxaba endleleni yokuhlawulwa kwetyala ngexesha.
b Aqaphelisise konke abamise ngako ababolekwe izimali c Aqokelele agqogqe abo basemva kwintlawulo matyala d Angathimba impahla ephathekayo ezama ukuhlawula amatyala angahlawulwayo evunyelwa zimeko zalo Mthetho, yaye e Engasebenzisa nawaphi amandla engathatha nawaphi amanyathelo ekufuneka ewathathile ngokunxulumene netlawulo matyala esebenzela ukulondoloza imali kaRhulumente.
Nayiphi na impahla okanye umhlaba othe wathinjwa nguMphathi
Jikelele phantsi kwecandelwana kufuneka kwamsinya kangangoko anakho ayibhalise egameni likaRhulumente weRiphabliki yoMzantsi Afrika.
Umphathi Jikelele angathi, ngokucelwa ngobamba ityala okanye onomdla kwelo tyala ngokujonga imeko zelo tyala nokubona ngokwamandla awanikiweyo -
a Azinzise imali ezityalwayo nenzalo yalo matyala phantsi kwezivumelwano ezahlukileyo b Atshintshanise abanamatyala, acazulule okanye atshintshanise ibhondi, atshintshe imeko acazulule ubucukubhede nezithintelo, ahlile okumiswe ngako okanye amkele ezinye izinto ekumiswa ngazo ngabanye c Ahlule okanye anikezele ngalo naliphi na ilungelo egameni lobuRhulumente ngokukhokelwa nguMthetho avumele ukukhokelwa nanguwuphi uMthetho welizwe ukuze abeke bucala naziphi iimeko zesivumelwano eninaso d Aqaphele nayiphi na imeko yesivumelwano ebekufikelelwe kuso okanye isihlomelo saso, ukuquka nenzala-mboleko, ukuhlawula indleko zokugujululwa kwetyala nentlawulo zokuthimba xa ugubhulule ityala lingahlawulwa kuqukwa nebhondi, imeko okanye uthintelo nazo naziphi na izimiso zesivumelwano eziyinxalenye yeso sivumelwano
U Mphathi Jikelele-
a Angayicima imali oyibambayo etyaleni b Oko kucima angakwenza ngokulandela izimiso ezibhalwe kuMthetho Wolawulo lweMali zeSizwe nepolisi emiswe liSebe.
U Mphathisa Jikelele usenokuthi elawulwa ziimeko a Avumelane naye nabani na ukuba aqokelele imali zamatyala asemva athathe nawaphi na amanyathelo okuqinisekisa ukuba ezo mali ziyahlawuleka.
b Anyule nabani ukuba ammele apho kubanjwe khona intengiso yasesidlangalaleni apho kuthengiswa izinto zomntu othinjiweyo kuzanywa ukubuyiswa kwemali kaRhulumente. Lo mntu egameni lakhe ammele ngokuthenga nokuthengisa egameni likaRhulumente.
c Kumaxesha ngamaxesha angene kwimvumelwano nabantu abalolu hlobo njengoko kuyimfuneko ukulondoloza umdla kaRhulumente ngokwemeko zalo Mthetho
Imali yentlawulo okanye yenkcitho edalwe ngulo mntu selechazwe apha kwicandelwana ingabhatalwa ngemali ephuma kule mali yeli tyala.
Amaphepha Esicelo-nkcazo okubhalisa kunye nesenzelelelo
 Igosa lelisebe lisenokuthi nakuba kukho izimiselo zeminye imiThetho zimise ngomhlaba, ngesivumelwano, isigqibo nayo nayiphi na incwadi yasemthethweni kwiofisi zobhaliso ngomiso ngezinto aze emva kolo bhaliso aqinisekise ukuba unikwa iziqinisekiso zobhaliso phantsi koMthetho Wobhaliso Mihlaba, 1937 (Mthetho nombolo 47 ka 1937)
Akukho ntlawulo yarhafu iyimfuneko ngobhaliso naziphi na imali phantsi kwecandelwana .
Imeko zentlawulo zezitampu zogximfizo zoMthetho wZitampu
Zogximfiso, 1968 (Mthetho nombolo 77 ka 1968) azichaphazeli nasiphi isivumelwano esikhoyo okanye ekungenwe kuso emva kokuba uMthetho sowusekiwe.
Ukurhoxiswa kwamatyala
ImiThetho echaziweyo kolu luhlu iyarhoxiswa ngendlela ecacisiweyo kwimiqolo elandelayo njengoko kubhaliwe kwintsika yesithathu.
Intloko nexesha lokuqala ukusebenza
Lo Mthetho kuthiwa nguMthetho Wolawulo Matyala eZolimo, 2001, kwaye uya kuqala ukusebenza ngomhla oyakutyunjwa nguMongameli ngokwesaziso kwiGazethi.
Uluhlu
Nombolo nonyaka wokusekwa komtheto
Intloko emfutshane
Urhoxiswa kangakanani
Mthetho Mboleko weZolimo, 1966
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo, 1970
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo, 1970
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo, 1971
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo, 1972
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo, 1977
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo, 1979
Ngokupheleleyo
Mthetho Wophuculo Mihlaba eSikiweyo, 1979
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo, 1980
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo, 1981
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo, 1982
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo oHlonyelweyo wesiBini, 1982
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo, 1983
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo Ohlonyelweyo (Ndlu yoWiso Mthetho) 1987
Ngokupheleleyo
Mthetho weNgxowa yoPhuhliso leZolimo, 1993
Ngokupheleleyo
Mthetho Mboleko weZolimo, 1995
Ngokupheleleyo
Mthetho Sihlomelo weBhanki yoMhlaba, 1998
Imiba 1,2 no 3 kumqolo wesi 3 kolu luhlu
